Masihambe kakuhle no Rhudulu

Ngoko phando lwa Manjuza, uRhudulu  ungunozala weziduko esizixhenxe. Nazi zidwelisiwe ngokokulandelelana kwazo phantsi kwekumkani zamambo, URhudulu ubenamafazi abaliqela kodwa imbali yethu igxile kanye kulo wokuqala(omkhulu) nakulo wesibini(omncinci) ngoba ngabo aba bavelise abanyana sibadwelise apha ngaphantsi. Umama ozale uNxuba asizunaba ngaye ngenxa yezizathu zekhaya, yena unxuba unabo onyana nabo bavelisiwe apha ngezantsi. URhudulukwindlu yakhe yasekunene, uzale u Makhal’endlovu, kwencinci wazala uSinuka nabake ngezantsi bedweliswe ngokulandelelana kwabo:

Ikumkani zamambo

Njanya

Mpondomise

Ndunu

Sikhomo

Rhudulu

Malangana

yen’ uzele uNjuza wazala uViji ze  uViji wavelisa inkoliso yezifani zethu. kodwa’ oyena nyana wakhe omdala ingu Sokomane  kuze uMhlabeni. kulapho kuphuma khona zonke ezizindlu zo Mdunyelwa, Bhodlo, Thiwani, Sixeku ukwehla zininzi kakhulu,

Ithi imbali phambi kokuba kuzalwe uNjuza kwaye kwenzeka isimanga okanye  into engaqhelekanga. kwathi apho bekuhleli khona unina ka Njuza emva kokulunywa kwakhe intsuku ezintathu suka  kwavela umthombo apha  phantsi kwakhe sothuka isizwe ngulombono; emva kwesisiganeko wayeka ulunywa bathi mhlawumbi ebeguqula, kuphindile  kunge ntsuku zatywala waphinda walunywa lomama nanku lomthombo uphinda uvela kwakulandawo inye, wade wabeleka unina ka Njuza, zathi izazi masiko nengcali  nengqondi zangeloxesha, namhla sizalelwe iNjuza, yiNjuza yamanzi le. Injuza ke yinkosi yezilo phantsi  ephethe ezinye inkosi ngaphantsi kwazamanzi, livele njalo ke eligama lika Njuza, camagu!

Ukuzithutha kwa maNjuza!

Singomakhalendlovu; oNjuza! oViji. izino ezixhagwe ngamalanga amabini elinye lise sibhakabhakeni elinye liphantsi kwamanzi, oNoyhiya wehlathi. othanga liviwa ngozipho uqina, omfuthukezweni; izinto ezingathi nkosi mntwini ngoba zinkosi ngokwazo, induk’wemfutshane yogqugqisa amankazana phesha komlanjana, singo yhini yhini namhla engenzanga kuthiwe wenzile, singama tyholo abambayo. thina zinto ezafaka inyama emlanjeni yaphuma ivuthiwe, ocolothi lodlali mivundla. khala khulu loluml’ abantwana; omaphikinto beyiphethe. omazondwa zintsaba zinga zubenzanto. ndithetha ngenkwenkwezi zempumelo. injuza zamanzi sithi abo,

 uMakhlal’endlovu ukuqikelelwa pha kwiminya yo 1427 century, kuzalwa kwakhe. uNJuza yena uqikelelwa pha kuu 1567 century ukuzalwa kwakhe.,

yonke lembal’ ididiyelwe kundlu nkulu wama njuza  kwidophi yaku Tsolo kwilali  yase Mnga. kulapho kukhoyo intlabi yethu enkulu uMdunyelwa eyashiyelwa umkhonto  njengendlu yase kunene ngu khokho wethu uSokomane,

umshicileli walembali etyebe kangaka ngu ngusihlal wamaNjuza jikelele

Camagu Njuza yamanzi, Camagu!

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Recent Comments

No comments to show.
Recent Comments