Camagu Marhudulu!!!

Ekukhuleni kwethu, singabanye sikhula sisiva oo Tatomkhulu ooTata noo Dadobawo xa bezithutha besithi, Skhomo Snuka Tshangisa Mhlatyana Zulu.

Bebekhona ke ebebembiza uRhudulu kwelinye icala besidibana nabathi bona bangoo Nxuba Ngcengane Mduma, Nabelemntwini Gaduka Washota,

Kodwa thina bakhulayo kwesi sizukulwana, besiqaphela ukuba kukhona ukuhamba badibane aba Bantu ngokuba ozibiza ngo Nxuba ebeye athi Mntakwethu kozibiza ngo Tshangisa,

Kulapho siye saqaphela ukuba kukhona ukuzalana kwaba Bantu, ekuhlanganeni ne Mbumba yama Rhudulu eKapa, iRhuqwa ngu Mzukukwana ka Dyaso u Jongikhaya ka Stuurman ekunye noka Nkunzana uSinethemba igama, UDalinzolo elobufana, eKhoma no Mabhoxegoduka, UMdunyelwa iGama.

Ndihlangene ke nala Mathole Amaduma ephethe uMcimbi wokuphanda uMnombo wethu Ncakasana ekudibaneni kwam nabo, ibisele ikhona iMfumfu endinayo.

Bendimane ukuya kuncanca kumbele Obhonxileyo wesisele seNyathi, Igwangqa elingu elisisizukulwana sika Mhaga ka Maxhalanga ka Madikane ka Mfebhe. UBawo ongasekhoyo kodwa umzila wakhe usekhona lowo ke ngu Bawo u Mzingaye David Mfebhe, Imbali yala Mathole Amaduna asungula Imbumba ya Marhudulu iye yahamba kunye neka Bawo uMzingaye lo,

Le Mbali ke ihamba ngolu hlobo kolwam uphando endilufumeyo okwa Ngoku.

UNjanye uze uMpondomise, Waze yena wazala uNdunu kwindlu eNkulu wazala uRhudulu kwindlu yase Kunene ngokwembali ke ithi, uNdunu uzalwa sele ekhona uRhudulu,

UNdunu lo ke yena uye wazala uNtose, Rhudulu lowo ethi imbali, kwaye kwanyanzeleka abe libambela lika Ntose nengoko wayeseyi Dyongwana.

Ekuthe lakufika ixesha lokuba alande ubudoda eNtabeni, wamnikezela ubukhosi bakhe.

URhudulu ngokutsho kwembali endinayo uzele uSikhomo yena wazala uSinuka, yena wazala uTshangisa no Nxuba.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Recent Comments

No comments to show.
Recent Comments