IMBALI YAMARHUDULU
Le yimbali according to Mzimasi Kina
Camagu Marhudulu!
Ekukhuleni kwethu, singabanye abakhule besiva ooTatomkhulu, ooTata nooDadobawo bezithutha besithi: “Skhomo, Snuka, Tshangisa, Mhlatyana, Zulu.” Bebekhona ke nabebembiza uRhudulu. Kwelinye icala, besidibana nabathi bona
“angooNxuba, Ngcengane, Mduma, Nabelemntwini, Gaduka, Washota.” Kodwa thina, bakhulayo kweli sizukulwana, saqala ukuqaphela ukuba kukho ukuhamba nokudibana phakathi kwaba bantu. Ngokuba ozibiza ngoNxuba wayesithi “Mntakwethu”
kumntu ozibiza ngoTshangisa — apho saqonda khona ukuba kukho ukuzalana nokudibana okukhulu phakathi kwabo.
Ekuhlanganeni neMbumba yamaRhudulu eKapa, uRhuqwa nguMzukukwana kaDyaso, uJongikhaya kaStuurman, kunye noNkunzana uSinethemba ngegama, noDalinzolo elobufana, eKhoma noMabhoxegoduka, noMdunyelwa ngegama — imbali yala mathole amaduna asungula iMbumba yaMarhudulu iye yahamba kunye nebali likaBawo uMzingaye.
Ndihlangene ke nala mathole amaDuma ephethe umcimbi wokuphanda uMnombo wethu, uNcakasana. Ekudibaneni kwam nabo, ibisele ikhona iMfumfu endinayo. Bendimane ukuya kuncanca kumbele obhonxileyo wesisele seNyathi, igwangqa elingumzala wesizukulwana sikaMhaga kaMaxhalanga kaMadikane kaMfebhe. UBawo ongasekhoyo, kodwa umzila wakhe usekhona — lowo ke nguBawo uMzingaye David Mfebhe.:
U Njanye uze uMpondomise… Waze yena wazala uNdunu kwindlu eNkulu… Wazala uRhudulu kwindlu yase Kunene
Mzimasi Kina
Ngokwembali ke ithi, uNdunu uzalwa sele ekhona uRhudulu. UNdunu lo ke yena uye wazala uNtose. Rhudulu lowo ethi imbali, kwaye kwanyanzeleka abe libambela lika Ntose nengoko wayeseyi Dyongwana. Ekuthe lakufika ixesha lokuba alande ubudoda eNtabeni, wamnikezela ubukhosi bakhe. URhudulu ngokutsho kwembali endinayo…. Uzele uSikhomo… Yena Wazala uSinuka… Yena wazala uTshangisa no Nxuba
Mzingaye David
Do you sometimes have the feeling that you’re running into the same obstacles over and over again? Many of my conflicts have the same feel to them, like “Hey, I think I’ve been here before”